1 UJeremiya waviwa nguShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, bekunye noPashure kaMalkiya, xa wayebhekisa kubantu jikelele esithi:
2 “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Umntu oya kusala kwesi sixeko uza kufa ngekrele, yindlala, nangubhubhani, kanti ke lowo uzinikezelayo kumaKaledi uya kusinda, aphile.’
3 Kaloku utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Esi sixeko siza kunikezelwa esandleni somkhosi wokumkani waseBhabheli oza kusithimba.’ ”
4 Emva koko iziphathamandla ezo zathi kukumkani: “Lo mfo makafe, kuba utyhafisa amajoni ashiyekileyo apha esixekweni, kwakunye nabantu bonke, ngezi zinto azithethayo. Akabanqweneleli buhle abantu; ubanqwenelela ububi.”
5 “Usezandleni zenu; mna kumkani andinakuphikisana nani,” waphendula ngelitshoyo ukumkani uZedekiya.