1 “Ukuba ngaba uyaguquka, Sirayeli, guqukela kum, kutsho mna *Ndikhoyo. Ukuba uyazisusa emehlweni am izithixo zakho ezilizothe, ungabi sakreqa;
2 ukuba ufunga usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo,’ ube ke ufunga ngenene nangenyaniso nangokuthembekileyo; ukuba wenjenjalo iintlanga ziya kuthi mandizisikelele, zindidumise.”
3 Kaloku uthi uNdikhoyo kubantu bakwaJuda nakubemi baseJerusalem: “Wugelesheni lo mhlaba wenu ube yintsimi, ningatyali phakathi kweenkunzane.
4 Ulwaluko lwenu malenzelwe uNdikhoyo, lungabi yinto yasenyameni nje, bantu bakwaJuda nani bemi baseJerusalem. Kungenjalo ingqumbo yam ngenxa yobubi bezenzo zenu iya kugqabhuka ixele umlilo olenya ungabi nakucinywa bani.”
5 “Bhengezani kwelakwaJuda,nihlokomise eJerusalem, nithi:‘Vuthelani isigodlo elizweni lonke.’Dandulukani ngamandla nisithi:‘Hlanganani,nisabele kwizixeko ezinqatyisiweyo!’