12 koko uya kuba ngumoya onamandla kunoko. Kuba ndim kaloku oza kubagweba abantu bam.”
13 Nalo lusiza utshaba, luziingqimba okwamafu,iinqwelo kuqhum' uthuli ngathi yinkanyamba.Asingomendu, amahashe adlul' ukhozi!Kunyembelekile; izwe lifile!
14 Jerusalem, zihlambulule ububi obusentliziyweni,khon' ukuze usinde!Uya kuhlala ugaya ububi kude kube nini?
15 Kunkenteza ilizwi kwaDan nakwiintaba zakwaEfrayim,lixela intlekele.
16 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo:“Zixeleleni iintlanga,nibike naseJerusalem, nithi:‘Utshaba lugalelekile;lutsho ngentlaba-mkhosi yalo kwizixeko zakwaJuda.
17 Lungqinge iJerusalem okwabalindi belinde amasimi.’Ewe, kuthetheni oku, kuba kalokuiJerusalem indivukele.
18 Yimisebenzi yakho neendlela zakho ezi zikuzisele le ntlekele.Sisohlwayo sakho eso.Sikrakra kambe,siye kuthi xhokro emxhelweni.”