17 Lungqinge iJerusalem okwabalindi belinde amasimi.’Ewe, kuthetheni oku, kuba kalokuiJerusalem indivukele.
18 Yimisebenzi yakho neendlela zakho ezi zikuzisele le ntlekele.Sisohlwayo sakho eso.Sikrakra kambe,siye kuthi xhokro emxhelweni.”
19 Hayi bo! Ndithe qhiphu umbilini;intliziyo yam iyabetha;ndingenwe luvalo!Andikwazi kuthi cwaka;ndiva isandi sokuvuthelwa kwesigodlonokuhlokoma kwentlaba-mkhosi!
20 Kuvakala le ntlekele, kuvakale le;ilizwe lonke lifile.Ngequbuliso iintente zakowethu zibhuqiwe,ngephanyazo imikhusane yethu ayisekho.
21 Koda kube nini ndibukelana namadabi?Koda kube nini ndisiva isandi sesigodlo?
22 Ke yena *uNdikhoyo uthi:“Baziziyatha kambe abantu bam; abade bandazi.Bazizityhakala zabantwana abangenangqiqo.Ngamachebesha okwenza okubi,kodwa ngamaqhitala kokulungileyo.”
23 Ndathi ndakuwukhangela umhlaba,ndafika ubharhile, kusempengezini;ndakukhangela amazulu akwabikho kukhanya.