2 ukuba ufunga usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo,’ ube ke ufunga ngenene nangenyaniso nangokuthembekileyo; ukuba wenjenjalo iintlanga ziya kuthi mandizisikelele, zindidumise.”
3 Kaloku uthi uNdikhoyo kubantu bakwaJuda nakubemi baseJerusalem: “Wugelesheni lo mhlaba wenu ube yintsimi, ningatyali phakathi kweenkunzane.
4 Ulwaluko lwenu malenzelwe uNdikhoyo, lungabi yinto yasenyameni nje, bantu bakwaJuda nani bemi baseJerusalem. Kungenjalo ingqumbo yam ngenxa yobubi bezenzo zenu iya kugqabhuka ixele umlilo olenya ungabi nakucinywa bani.”
5 “Bhengezani kwelakwaJuda,nihlokomise eJerusalem, nithi:‘Vuthelani isigodlo elizweni lonke.’Dandulukani ngamandla nisithi:‘Hlanganani,nisabele kwizixeko ezinqatyisiweyo!’
6 Yenzani umqondiso okhomba eZiyon,nicele kwabasicatyana, ningabambezeli,kuba mna ndiza nentlekele ngasentla –ndinizisela intshabalalo enkulu.”
7 Yintw' ekunyalasa inge yingonyama ishiy' isikhundlalo mtshabalalisi weentlanga uzayo.Selephumile kowabo ukuza kubharhisa umhlaba wakho ube yinkangala,azitsho izixeko zakho zibe ngamabhodlo,kungasali nempunde le.
8 Ngoko ke zila, wambathe amarhonya,ugixe, ulile,kuba ingqumbo *kaNdikhoyo ayishenxanga kuthi.