22 Ke yena *uNdikhoyo uthi:“Baziziyatha kambe abantu bam; abade bandazi.Bazizityhakala zabantwana abangenangqiqo.Ngamachebesha okwenza okubi,kodwa ngamaqhitala kokulungileyo.”
23 Ndathi ndakuwukhangela umhlaba,ndafika ubharhile, kusempengezini;ndakukhangela amazulu akwabikho kukhanya.
24 Ndakhangela iintaba, ndafika zigungqa, neenduli zinyikima.
25 Ndakhangela andabona mntu konke;kwakubhace nkqu neentaka ezi.
26 Ndakhangela umhlaba otyebileyo, ndafika uyintlango,izixeko zonke zingamabhodlo.Oku kwenzeka emehlweni kaNdikhoyongenxa yomsindo wakhe ovuthayo.
27 Kaloku utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuya kuba senkangala kumhlaba wonke,kodwa ke ndingawubhangisi kuphele.
28 Ngenxa yoko umhlaba uya kwenza isijwili,isibhakabhaka sisibekele kube mnyama,kuba kutsho mna.Ndigqibile, yaye andiyi kukuyekelela endikuthethileyo;andiyi kujika.”