23 Ndathi ndakuwukhangela umhlaba,ndafika ubharhile, kusempengezini;ndakukhangela amazulu akwabikho kukhanya.
24 Ndakhangela iintaba, ndafika zigungqa, neenduli zinyikima.
25 Ndakhangela andabona mntu konke;kwakubhace nkqu neentaka ezi.
26 Ndakhangela umhlaba otyebileyo, ndafika uyintlango,izixeko zonke zingamabhodlo.Oku kwenzeka emehlweni kaNdikhoyongenxa yomsindo wakhe ovuthayo.
27 Kaloku utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuya kuba senkangala kumhlaba wonke,kodwa ke ndingawubhangisi kuphele.
28 Ngenxa yoko umhlaba uya kwenza isijwili,isibhakabhaka sisibekele kube mnyama,kuba kutsho mna.Ndigqibile, yaye andiyi kukuyekelela endikuthethileyo;andiyi kujika.”
29 Kuya kuthi ukuvakala kwesandi sabakhwele amahashe nesandi sabatolikusabe zonke izixeko.Abanye bobalekela ematyholweni,abanye banyukele emaweni.Zosala zilambatha iidolophu,kungabi sahlala bani kuzo.