4 Ulwaluko lwenu malenzelwe uNdikhoyo, lungabi yinto yasenyameni nje, bantu bakwaJuda nani bemi baseJerusalem. Kungenjalo ingqumbo yam ngenxa yobubi bezenzo zenu iya kugqabhuka ixele umlilo olenya ungabi nakucinywa bani.”
5 “Bhengezani kwelakwaJuda,nihlokomise eJerusalem, nithi:‘Vuthelani isigodlo elizweni lonke.’Dandulukani ngamandla nisithi:‘Hlanganani,nisabele kwizixeko ezinqatyisiweyo!’
6 Yenzani umqondiso okhomba eZiyon,nicele kwabasicatyana, ningabambezeli,kuba mna ndiza nentlekele ngasentla –ndinizisela intshabalalo enkulu.”
7 Yintw' ekunyalasa inge yingonyama ishiy' isikhundlalo mtshabalalisi weentlanga uzayo.Selephumile kowabo ukuza kubharhisa umhlaba wakho ube yinkangala,azitsho izixeko zakho zibe ngamabhodlo,kungasali nempunde le.
8 Ngoko ke zila, wambathe amarhonya,ugixe, ulile,kuba ingqumbo *kaNdikhoyo ayishenxanga kuthi.
9 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Ngaloo mini ukumkani neziphathamandla baya kungenwa yingevane.Ababingeleli bothi khumnqa,abashumayeli bona bathi makatha.”
10 Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ubakhohlise mpela abantu neJerusalem ngokuthi: ‘Niya kuba noxolo,’ ukanti ikrele selibekwe emqaleni!”