1 Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, akuba ekhululwe nguNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu, eRama. UNebhuzaradan wafika uJeremiya ekhonkxiwe ephakathi kwabathinjwa baseJerusalem nakwaJuda, ababesisiwa ekuthinjweni eBhabheli.
2 Akufika kuJeremiya umphathi-balindi wathi: “*NguNdikhoyo uThixo wenu ocwangcise le ntlekele inihleleyo kule ndawo.
3 Uyenzile ke uNdikhoyo loo nto njengokuba wayetshilo. Nifikelwe yile nto ngenxa yokuba nimonile uNdikhoyo anamphulaphula.
4 Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”