1 Kwathi ngenyanga yesixhenxe uIshmayeli unyana kaNetaniya unyana kaElishama, owayengumntwana wegazi ekwayingqwayi-ngqwayi kakumkani, waya eMizpa kuGedaliya unyana ka-Ahikam, ehamba neshumi lamadoda, baza batya kunye. Kwathi ke besahleli etafileni apho
2 suka uIshmayeli unyana kaNetaniya kunye nelo shumi lamadoda ayehamba naye baphakama bamxabela ngekrele uGedaliya, unyana ka-Ahikam ongumzukulwana kaShafan. Ngeso senzo bamgwinta owayengumphathiswa welo lizwe omiselwe ngukumkani waseBhabheli.
3 Bawabulala namanye amaJuda onke awayeseMizpa kunye noGedaliya, kwakunye namajoni angamaKaledi awayelapho.
4 Ngomhla wesibini olandela ukugwintwa kukaGedaliya, ingekaziwa loo nto,
5 kwafika amashumi asibhozo amadoda, evela eShekem naseShilo naseSamariya. Ayezichebile iindevu, ezikrazule izambatho, imizimba eyicentile. Ayephethe iminikelo yeenkozo kunye nentlaka yesiqhumiso, ezizisa endlwini *kaNdikhoyo.