11 Ngoko ke musan' ukuba noloyiko ngukumkani waseBhabheli lo nimoyikayo ngoku. Musan' ukumoyika,’ lowo ngumlomo kaNdikhoyo, ‘kuba ndinani, ndiza kunihlangula, nisinde esandleni sakhe.
12 Ndiza kusikwa yimfesane nini, naye ukumkani avelane nani, aniyeke nihlale kulo mhlaba wenu.’
13 “Kusenokwenzeka kambe ningamthobeli uNdikhoyo uThixo wenu, nithi: ‘Asizi kuhlala apha kweli lizwe thina.
14 Siza kuhamba siye kuhlala eJiputa, apho kungekho zimfazwe, kungakhali zintlaba-mkhosi, kungalanjwayo khona.’
15 Ke ngoko nali ilizwi likaNdikhoyo, nina masalela akwaJuda, utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Xa nizimisele ukuya eJiputa, nifike nime apho,
16 ewe, ikrele eli niloyikayo lonifikela apho, naloo ndlala niyisabayo iya kuthana mbende kunye nani naseJiputa – niya kufela apho.
17 Bonke abo bazimisele ukuya kuhlala eJiputa baya kufa ngekrele, yindlala, nangubhubhani; akuyi kusala nokuba mnye usindayo kwelo shwangusha ndonihlisela lona.’