8 Wabiza uYohanan unyana kaKareya kunye nabo bonke abaphathi-mabutho ababenaye, nabantu bonke, abancinci nabakhulu,
9 wathi kubo: “UNdikhoyo uThixo kaSirayeli enindithume ukuze ndisigqithisele kuye isicelo senu, utsho ukuthi:
10 ‘Ukuba nithe nahlala kulo mhlaba, ndiya kunakha ndinganidilizi; ndonityala ndinganincothuli, kuba ndiyazisola ngeshwangusha endinihlisele lona!
11 Ngoko ke musan' ukuba noloyiko ngukumkani waseBhabheli lo nimoyikayo ngoku. Musan' ukumoyika,’ lowo ngumlomo kaNdikhoyo, ‘kuba ndinani, ndiza kunihlangula, nisinde esandleni sakhe.
12 Ndiza kusikwa yimfesane nini, naye ukumkani avelane nani, aniyeke nihlale kulo mhlaba wenu.’
13 “Kusenokwenzeka kambe ningamthobeli uNdikhoyo uThixo wenu, nithi: ‘Asizi kuhlala apha kweli lizwe thina.
14 Siza kuhamba siye kuhlala eJiputa, apho kungekho zimfazwe, kungakhali zintlaba-mkhosi, kungalanjwayo khona.’