1 Lavakala ilizwi kuJeremiya, libhekiswa kuwo amaJuda akwelaseJiputa emi kwimimandla yaseMigidoli, eTapanesi, eNofu, nasezweni lasePatrosi, lisithi:
2 “Utsho *uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: ‘Niyibonile intlekele endayihlisela iJerusalem kunye needolophu zakwaJuda ziphela. Kunamhlanje-nje zingamabhodlo angahlalwa bani.
3 Yonke loo nto yehla ngenxa yenkohlakalo abayenzileyo. Bandixhokonxa ndade ndanomsindo ngokunqula thixo bambi abangabaziyo, bebenzela iziqhumiso. Nini ke kunye nooyihlo abo benjenjalo.
4 Ndaphindelela ukunithumela bonke abakhonzi bam abashumayeli, ukuze banibongoze bathi: “Musani ukulenza isikizi endilicekisa kakhulu!”
5 Koko abazange bahoye, àbafuna kuphulaphula. Bala ukwahlukana nemikhwa yabo emibi nokuyeka ukwenzela izithixo iziqhumiso.