Ujeremiya 44:24-30 XHO96

24 Uqokele wathi uJeremiya kubo bonke abantu nâbo bafazi: “Nina maJuda ahlala eJiputa, nali ilizwi likaNdikhoyo.

25 Utsho kuni uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Nina nabafazi benu nithetha into niyenze. Nithi niza kuthi rhoqo nizalise amadinga enu, nenzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso neminikelo ethululwayo. Qhubani ke niwafezekise loo madinga enu!

26 Kodwa ke, nonke nina bantu bakwaJuda abemi apha eJiputa, wuveni umlomo kaNdikhoyo; uthi: Niyabona, ndifunga igama lam elidumileyo, ndithi: Inene, aliyi kuba sabizwa igama lam nangubani na wakwaJuda naphi na apha kwelaseJiputa, esithi: “Ikho nje iNkosi uNdikhoyo!”

27 Niyabona, ndithe qwa, ndizimisele ukunizisela ububi, hayi ubuhle. Yaye onke amadoda akwaJuda alapha eJiputa aza kufa ngekrele nayindlala, ade atshabalale onke.

28 Ewe, baya kuba mbalwa abasindayo bangafi ngekrele eJiputa, baze babuyele ezweni lakwaJuda. Baya kwandula ke ukuqonda abantu abaseleyo kwabo babeze kuma apha eJiputa ukuba ngaba lelikabani na ilizwi elingayi kuwa phantsi, lelam nokuba lelabo.’

29 “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Umqondiso endininika wona nguwo lo: Ndiza kunohlwaya apha kule ndawo, ukuze niqonde ukuba aza kwenzeka amazwi endiwathethileyo kuni ndisithi ndonizisela ububi.’

30 Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukumkani uHofra waseJiputa ndiza kumnikela esandleni seentshaba zakhe ezizungula ubomi bakhe, kanye njengoko ndenjenjalo kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, xa ndamnikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, utshaba olwaluzungula ubomi bakhe.’ ”