1 Nanga amazwi *kaNdikhoyo awawabhekisa kwiintlanga ngomshumayeli uJeremiya.
2 Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda:
3 “Bophani amakhaka amancini namakhulu,nisinge edabini.
4 Bophani amahashe, nitsho phezulu.Yimani xhonkxosholo, nithwele izigcina-ntloko.Zikhazimliseni iintshuntshe, nifake isinxibo sentsimbi.