12 Ihlazo lakho livakele ezizweni;ukukhala kwakho kuligqibile ihlabathi.Igorha likhubeka kwelinye;omabini awa ndawonye.”
13 Nali ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kumshumayeli uJeremiya malunga nokuhlaselwa kweJiputa nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli:
14 “Bikelani iJiputa,nivakalise eMigidoli,nixele eNofu naseTapanesi.Yithini:‘Lungela imfazwe uxhobe,kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’
15 Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi?Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.
16 Kukhubeka abaninzi;ewe, omnye uwa phezu komnye,baze bathi: ‘Masiphakame,siye kowethu kwelokuzalwa,simke kwikrele eligwazayo.’
17 Apho baya kuvakala besithi:‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;uliphosile ithuba lakhe.’
18 “Ndikho nje ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke.Uthi: “Ukho ozayo,enjengeTabhore phakathi kweentaba,enjengeKarmele engaselwandle.