16 Kukhubeka abaninzi;ewe, omnye uwa phezu komnye,baze bathi: ‘Masiphakame,siye kowethu kwelokuzalwa,simke kwikrele eligwazayo.’
17 Apho baya kuvakala besithi:‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje;uliphosile ithuba lakhe.’
18 “Ndikho nje ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke.Uthi: “Ukho ozayo,enjengeTabhore phakathi kweentaba,enjengeKarmele engaselwandle.
19 Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu,nina bemi baseJiputa,kuba kaloku iNofu iza kudilizwa,ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.
20 “IJiputa lithokazi elihle kakhulu;kodwa isibawu esivela ngasentla inene siyeza!
21 Amajoni angabaqeshwa aseJiputaafana neenkunzana ezityebileyo,suka nawo ajika abaleka,akwema nalinye.Afikelwe yimini yentlekele,ixesha lokohlwaywa kwawo.
22 IJiputa ifutha oku kwenyoka erhubuluzayo,kuba utshaba olunamandla alufikanga lugalelekile!Luya kunifikela ngamazembe okwamadoda agawula imithi.