40 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Khangela ukhozi luyandanda,lutweze amaphiko phezu koMowabhi.
41 Iidolophu ziza kuthinjwa,iinqaba zakhona zihluthwe.Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhiiya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.
42 UMowabhi uza kuphanziswa angabi saba sisizwe,kuba eziphakamisile phambi koNdikhoyo.
43 Ufikelwe kukunkwantya nomhadi nomgibe, wena mmi waseMowabhi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
44 “Obaleka ngenxa yokunkwantya weyela emhadini;ophuma emhadini, ubanjiswa ngumgibe.Konke oko ndiza kukuhlisela uMowabhi ngonyaka wokumohlwaya kwam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
45 “Iimbacu zema emathunzini eHeshbhon zityhafile,kuba kusuke kwaqhambuka umlilo kuloo Heshbhon.Kulenya amadangatye kwaSihon;atshisa ibunzi labakwaMowabhi,nokhakayi lwabaqhankqalazi abenza ingxolo.
46 Yehaa kuwe, Mowabhi!Batshabalele abantu bakaKemoshe,kuba umlisela nomthinjana wakho usiwe ekuthinjweni.