6 Balekani nizisindise, oku kweqwarha lasentlango.
7 Ngenxa yokuba uthembele ngamandla nobutyebi bakho nawe uza kubanjwa,aze uthixo wakho uKemoshe athinjwe,yena kunye nababingeleli namagosa akhe.
8 Umtshabalalisi uza kuzifikela zonke iidolophu,kungasindi nanye.Intili yoba ngumqwebedu,ithafa lona lonakaliswe,njengoko watshoyo uNdikhoyo.
9 Lumkisani uMowabhi,nithi uza kudilizwa.Makasabe uMowabhi;makaphume abaleke.Iidolophu zakhe ziza kuba ngamabhodlo,kungabikho mntu uhlala kuzo.
10 “Uqalekisiwe owenza ngobuvila umsebenzi awuphathiswe nguNdikhoyo.Uqalekisiwe lowo unqenayo ukuphalaza igazi ngekrele lakhe.
11 “Kwamhla-mnene uMowabhi ebehlala onwabile;ebezolile njengewayini ecwengileyo, ezibi zayo zisezantsi.Ewe, njengewayini engathululwanga ikhutshelwa kwenye ingqayi,naye akazange asiwe ekuthinjweni.Ngoko ke usenalaa ncasa yamandulo,nevumba lakhe alizange liguquke.”
12 Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:“Kuza imihla apho ndiya kuthumela iinjoli eziya kumthulula.Ziya kuziqwela iibhekile, zizaphule iingqayi.