1 Nâli ilizwi *uNdikhoyo awalithethayo ngomshumayeli uJeremiya malunga neBhabheli nezwe lamaKaledi:
2 “Xelani nivakalise ezintlangeni,niphakamise ibhanile niqononondise.Musani ukufihlisa, koko yithini:‘Ithinjiwe iBhabheli;uhlazekile uBhele;uMarduki uyankwantya luloyiko.Zihlazekile izithixo zabo;ziyankwantya izinto ezingamasikizi abazinqulayo.’
3 Kaloku ihlaselwe luhlanga lwasentlaoluya kwenza ilizwe libe senkangala.Aliyi kumiwa bani –bobaleka bemke abantu kwanezilwanyane.
4 “Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“abantu bakwaSirayeli nabantu bakwaJudabaya kuhamba kunye belila,befuna uNdikhoyo uThixo wabo.