23 Nantso intlekekile ihamile eyayikhanda ihlabathi!Hayi ukuba ngamanyumnyezi kweBhabheli phakathi kweentlanga!
24 Ndikuthiyele, Bhabheli,wabanjiswa ungaqondi.Ufunyenwe, wabhajiswa,kuba uchasene noNdikhoyo.
25 UNdikhoyo ubavulile oovimba bakhe,wazikhupha izikhali zengqumbo yakhe,kuba iNkosi uNdikhoyo enamandla onkeinomsebenzi ezweni lamaKaledi.
26 Yihlaseleni iBhabheli, nivela macala onke.Zivuleni izisele zayo,nizifumbe izidumbu zibe ngathi ziimfumba zombona.Ewe, tshabalalisani ngokupheleleyo,kungabikho masalela.
27 Zigwazeni zonke iinkokheli zayo;mazibe ngathi ziinkunzi ezixhelwayo.Yeha ke, bona! Imini yabo ifikile;ixesha labo lokohlwaywa ligalelekile.
28 Phulaphulani!Ababalekileyo basinda ezweni laseBhabheli bayathetha eZiyon;babhengeza impindezelo kaNdikhoyo uThixo wethu,nditsho ukuziphindezela kwakhe ngenxa yendlu yakhe.
29 “Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli,bona bonke abatyeda isaphetha.Yingqingeni macala onke,kungabikho bani uphuncukayo.Yibuyekezeni ngokwezenzo zayo;yenza kuyo njengoko yona yenze kwabanye.Kaloku imdelile uNdikhoyo uYedwa kaSirayeli.