27 Zigwazeni zonke iinkokheli zayo;mazibe ngathi ziinkunzi ezixhelwayo.Yeha ke, bona! Imini yabo ifikile;ixesha labo lokohlwaywa ligalelekile.
28 Phulaphulani!Ababalekileyo basinda ezweni laseBhabheli bayathetha eZiyon;babhengeza impindezelo kaNdikhoyo uThixo wethu,nditsho ukuziphindezela kwakhe ngenxa yendlu yakhe.
29 “Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli,bona bonke abatyeda isaphetha.Yingqingeni macala onke,kungabikho bani uphuncukayo.Yibuyekezeni ngokwezenzo zayo;yenza kuyo njengoko yona yenze kwabanye.Kaloku imdelile uNdikhoyo uYedwa kaSirayeli.
30 Ke ngoko amadodana ayo aya kuwa ezitalatweni,amajoni ayo aphele loo mini.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
31 “Uyabona, ndikuchasile, ntondini izidlayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo iNkosi enamandla onke.“Ifikile imini yakho;ligalelekile ixesha lakho lokohlwaywa.
32 Lo uzidlayo uza kukhubeka awe,kungabikho bani umvusayo.Ndiza kuphemba umlilo ezidolophini zakhe,utshise bonke abamngqongileyo.”
33 Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Aphantsi kwengcinezelo amaSirayeli,kwanamaJuda ngokunjalo.Avalelwe ngabo bantu athinjwe ngabo;abavumi ukuwandulula.