36 “Ikrele malibafikele oosiyazi bayo,basuke babe ziziyatha.Ikrele maliwafikele amagorha,asuke abe ngamagwala.
37 Ikrele maliwafikele amahashe neenqwelo,kwanawo onke amajoni engqesho ayo,asuke abe njengabafazi.Ikrele malibufikele ubuncwane bayo,busuke buphangwe.
38 Ukubalela makuwafikele amanzi ayo,asuke atshe.Kuba kaloku ililizwe lemifanekiso yezithixo,izithixo eziya kutsho zigeziswe kukothuka.
39 “Ke ngoko iBhabheli iya kuba sisikhundla seengcuka noodyakalashe,ibe yindawo ehlala iinciniba.Ayisoze iphinde imiwe bantu,ingahlalwa bani izizukulwana ngezizukulwana.
40 Njengoko uThixo wazibhukuqayo iSodom neGomorakwakunye needolophu ezingqongileyo,kwangokunjalo akuyi kuhlala bani,kungayi kuphambukela mntu khona.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
41 “Niyabona, kuza abantu, bevela entla;uhlanga olukhulu nookumkani abaninzi bayaxhokonkxwa,bevela eziphelweni zehlabathi.
42 Baxhobe izaphetha nemikhonto;bazizikhohlakali ezingenamfesane.Isingqi sokufika kwabo bekhwele amahashekunga kukugquma kolwandle.Baxhobe baf' amacala,khon' ukuze bahlasele wena, ntombindini Bhabheli.