4 “Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“abantu bakwaSirayeli nabantu bakwaJudabaya kuhamba kunye belila,befuna uNdikhoyo uThixo wabo.
5 Baya kubuza indlela esinga eZiyon,babheke kuyo, bathi:‘Yizani, sizimanye noNdikhoyongomnqophiso ongenasiphelo nongasayi kulityalwa.’
6 “Abantu bam bâba ziigusha ezilahlekileyo;balahlekisiwe ngabelusi babo,babhadula ezintabeni,bajikeleza iintaba neenduli,bayilibala indawo yabo yokuphumla.
7 Babedliwa ngabo bonke ababafumanayo;iintshaba zabo zazisithi: ‘Asinatyala.Kaloku bamonile uNdikhoyo,yena olidlelo lenene,yena Ndikhoyo ithemba looyise.’
8 “Balekani niphume eBhabheli;lishiyeni izwe lamaKaledi,nixelise iinkunzi zeebhokwe ezikhokela umhlambi weegusha.
9 Kuba kaloku kwelasentla ndiya kuvelisa igqiza leentlanga ezinkulu;ndizifunzela eBhabheli.Ziya kuwacwangcisa amajoni, abe zizintlu zokulwa,ziyihlasele zivela ngasentla, ziyithimbe.Iintolo zabo ziya kuba njengamagorha anobuchule angabuyi elambatha.
10 Loba lixhoba elamaKaledi,abathimbi balo bathimbe bade banele.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.