5 Baya kubuza indlela esinga eZiyon,babheke kuyo, bathi:‘Yizani, sizimanye noNdikhoyongomnqophiso ongenasiphelo nongasayi kulityalwa.’
6 “Abantu bam bâba ziigusha ezilahlekileyo;balahlekisiwe ngabelusi babo,babhadula ezintabeni,bajikeleza iintaba neenduli,bayilibala indawo yabo yokuphumla.
7 Babedliwa ngabo bonke ababafumanayo;iintshaba zabo zazisithi: ‘Asinatyala.Kaloku bamonile uNdikhoyo,yena olidlelo lenene,yena Ndikhoyo ithemba looyise.’
8 “Balekani niphume eBhabheli;lishiyeni izwe lamaKaledi,nixelise iinkunzi zeebhokwe ezikhokela umhlambi weegusha.
9 Kuba kaloku kwelasentla ndiya kuvelisa igqiza leentlanga ezinkulu;ndizifunzela eBhabheli.Ziya kuwacwangcisa amajoni, abe zizintlu zokulwa,ziyihlasele zivela ngasentla, ziyithimbe.Iintolo zabo ziya kuba njengamagorha anobuchule angabuyi elambatha.
10 Loba lixhoba elamaKaledi,abathimbi balo bathimbe bade banele.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
11 “Nakuba nivuya nidlamkile,nina baphangi belifa lam,nakuba nidloba njengethokazi elibhulayo,nakuba nikhala okweenkunzi zamahashe,