23 Ngawe ndihlekeza umalusi nomhlambi wakhe,ndihlekeze umlimi nesipani sakhe,nditsho iirhuluneli namagosa azo.
24 Niya kukubona ukubuyekeza kwam,xa ndibuyekeza iBhabheli nabemi bonke belamaKaledingenxa yobubi bonke ababenze kwiZiyon.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
25 “Uyabona, ndikuchasile, ntabandini yokonakalisa,wena olonakalisileyo lonke ihlabathi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Ndiya kolula isandla sam phezu kwakho,ndikuqengqe uhle emaweni,ndikwenze intaba etshisiweyo.
26 Akukho litye lokwakha ikona eliya kuthathwa kuwe,kungekho litye lasiseko liya kucholwa kuwe,kuba uya kuba yinkangala ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
27 “Phakamisani ibhanile elizweni!Vuthelani ixilongo ezintlangeni,nizigonyele ukulwa neBhabheli.Zihlabeleni umkhosi, zize izikumkani zeArarati, neMini, neAshkenazi.Yalathani injengele yokuhlasela,nithume amahashe ngathi ziinkumbi ezinyakazelayo.
28 Zigonyeleni ukulwa neBhabheli iintlanga,nditsho ookumkani bamaMedi,neerhuluneli zabo, kunye nawo onke amaphakathi azo,kwakunye nezizwe zonke ezilawulwa zizo.
29 Ihlabathi liyanyikima, liyazibhija-bhija,kuba uNdikhoyo uyaziphumelelisa izigqibo zakhe azigqibe ngeBhabheli.Ilizwe laseBhabheli ulenza libe yinkangala,lingabi samiwa bani.