3 Umtyedi wesaphetha akayi kuba nako ukudubula ngetolo,angabi naxesha lakuqhayisa ngezambatho zokuzikhusela.Musani ukuwayeka asinde amadodana ayo;wutshabalalise ngokupheleleyo umkhosi wayo.
4 Baya kuwa, bebulewe ezweni lamaKaledi,begwazwe ezitalatweni.
5 Kuba kaloku uSirayeli noJuda abazange bafane nabahlolokazi –abazange bangabi naye uThixo wabo, uNdikhoyo onamandla onke,naxa balizalisayo ilizwe labo lityala lokona onguYedwa kaSirayeli.
6 “Balekani niphume eBhabheli,elowo asindise ubomi bakhe!Musan' ukwenzakaliswa ngenxa yobugwenxa bayo.Eli lixesha lempindezelo kaNdikhoyo;uza kuyibuyekeza ngokwezenzo zayo.
7 IBhabheli ibiyindebe yegolide esandleni sikaNdikhoyo;indebe enxilise lonke ihlabathi.Iintlanga zasela ewayinini yayo,zasuka zageziswa yiyo.
8 IBhabheli iza kuwa ngequbuliso yaphuke;bhombolozani ngenxa yayo.Wafuneleni amafutha aqholiweyo amanxeba ayo;mhlawumbi anganyangeka.
9 “Kothiwa: ‘Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili.Masiyishiye, elowo ahambe aye ezweni lakowabo,kuba ityala layo logwetywa emazulwini,liphakame laya kutsho phezulu.