37 IBhabheli iya kuba linxuwa,ibe sisikhundla soodyakalashe,nento esisothuso nesigculelo,indawo engamiwa bani.
38 Abantu bayo xa bebonke bagquma njengeengonyama,babharhula njengamathole eengonyamakazi.
39 Xa bavuka umnyele ndobenzela umgidi,ndibanxilise, badlamke,balale ubuthongo,bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
40 “Ndiya kubasa ekuxhelweni njengamatakane,njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.
41 “Hayi ukuthinjwa kweSheshaki!Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe.Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!
42 Ulwandle luya kuyigqumelela iBhabheli,igutyungelwe ngamaza agqumayo.
43 Iidolophu zayo ziya kukhal' ibhungane,ilizwe libe ngumqwebedu nenkqantosi,ilizwe elingamiwa mntu,ilizwe elingacandwa nangumhambi.