40 “Ndiya kubasa ekuxhelweni njengamatakane,njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.
41 “Hayi ukuthinjwa kweSheshaki!Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe.Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!
42 Ulwandle luya kuyigqumelela iBhabheli,igutyungelwe ngamaza agqumayo.
43 Iidolophu zayo ziya kukhal' ibhungane,ilizwe libe ngumqwebedu nenkqantosi,ilizwe elingamiwa mntu,ilizwe elingacandwa nangumhambi.
44 Ndiya kumohlwaya uBhele uthixo weBhabheli,ndimenze akuhlanze oko akuginyileyo.Iintlanga aziyi kuba saxhontelana kuye,nodonga lweBhabheli luya kuwa.
45 “Phumani kuyo, nina bantu bam,elowo nalowo asindise ubomi bakhe.Kubalekeni ukuvutha komsindo kaNdikhoyo.
46 Musani ukutyhafa okanye noyike xa nithe neva amarhe elizweni.Amarhe aya kulandelana minyaka le,amarhe ogonyamelo elizweni,amarhe okuvukelanakwabaphetheyo.