9 “Kothiwa: ‘Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili.Masiyishiye, elowo ahambe aye ezweni lakowabo,kuba ityala layo logwetywa emazulwini,liphakame laya kutsho phezulu.
10 UNdikhoyo usigwebele, wabubhengeza ubulungisa bethu.Yizani siyibalise eZiyon imisebenzi kaNdikhoyo uThixo wethu.’
11 “Ziloleni iintolo;qulani amakhaka!UNdikhoyo uxhokonkxe ookumkani bamaMedi,kuba unenjongo yokuba iBhabheli itshatyalaliswe.Yimpindezelo kaNdikhoyo leyo,impindezelo ngenxa yendlu yakhe.
12 Ziphakamiseleni ibhanile iindonga zeBhabheli,nongeze abalindi.Bathumeni balinde,nilungise nabalaleli.UNdikhoyo uza kuyiphumelelisa injongo yakhe,akwenze oko akuthethileyo ngabemi baseBhabheli.
13 Wena ohleli ngasemanzini amaninzi,wena obuncwane bungako,sifikile isiphelo sakho,ligalelekile ixesha lokuba usikwe.
14 UNdikhoyo onamandla onke ufungile, ezifunga ngokwakhe,wathi: ‘Ndokutsho uzale ngabantu ngathi ziinkumbi.Iya kuba yimihelele bevuya ngenxa yokoyiswa kwakho.’
15 “Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe;ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe,waza walitwabulula izulu ngokwengqiqo yakhe.