5 Phakamani, sihlasele ngobusuku,sizidilize ezo nqaba.”
6 Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Gawulani imithi,nifumbe iingqumba zomhlaba kwiindonga zeJerusalem.Sisixeko esifanelwe kukohlwaywa,intw' ezele yingcinezelo yodwa.
7 Njengoko ahlala empompoza amanz' omthombo,buhlala bunjalo ukumpompoza ububi baseJerusalem.Kuhlala kuvakala ugonyamelo nembuqe kuyo;iimbandezelo neentlungu zihlala ziphambi kwam njalo.
8 Lumka, Jerusalem, hleze ndikulahle,naloo mhlaba wakho ndiwutsho ufane nenkangala engahlalwa bani.”
9 Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Khwahlaza loo masalela akwaSirayeli,uxele umntu okhwahlaza emdiliyeni,ebhikica loo minqandandana isele emasebeni.”
10 Ndibhekise kubani?Ngubani owondiphulaphula,abamkele ubungqina bam?NingamaSirayeli alukileyo,ukanti iindlebe zenu zivalekile,aniva tu!Kubo ilizwi likaNdikhoyo lisisinyeliso;abalikhathalele nganto.
11 Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo.Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe.“Yibhodlele kubantwana ezitalatweni,nakubafana ezimbuthweni.Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi.Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.