7 Njengoko ahlala empompoza amanz' omthombo,buhlala bunjalo ukumpompoza ububi baseJerusalem.Kuhlala kuvakala ugonyamelo nembuqe kuyo;iimbandezelo neentlungu zihlala ziphambi kwam njalo.
8 Lumka, Jerusalem, hleze ndikulahle,naloo mhlaba wakho ndiwutsho ufane nenkangala engahlalwa bani.”
9 Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Khwahlaza loo masalela akwaSirayeli,uxele umntu okhwahlaza emdiliyeni,ebhikica loo minqandandana isele emasebeni.”
10 Ndibhekise kubani?Ngubani owondiphulaphula,abamkele ubungqina bam?NingamaSirayeli alukileyo,ukanti iindlebe zenu zivalekile,aniva tu!Kubo ilizwi likaNdikhoyo lisisinyeliso;abalikhathalele nganto.
11 Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo.Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe.“Yibhodlele kubantwana ezitalatweni,nakubafana ezimbuthweni.Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi.Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.
12 Imizi yabo yothathwa bantu bambi,ngokunjalo amasimi nabafazi babo,xa ndibohlwaya abantu beli lizwe.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
13 “Kususela koyena uphantsi umntu,kuse kwabona baphakamileyo,xa bebonke basemva kwenzuzo.Kwanabashumayeli, nababingeleli ngabakhohlisi xa bebonke.