13 Ngoko ke, ngenxa yezi zenzo zenu zonke, utsho uNdikhoyo, ndithethile nani amaxesha ngamaxesha, anaphulaphula, ndanibiza anasabela,
14 ngako oko le ndlu ibizwa ngegama lam enithembele kuyo ndiza kuyihlisela isehlo esehla eShilo, naxa ndandiyinike nina nooyihlo-mkhulu.
15 Ndiza kunigxotha phambi kwam njengoko ndawagxothayo amawenu amaEfrayim.”
16 “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.
17 Akuziboni ke wena izinto abazenza kwiidolophu zakwaJuda nakwizitalato zeJerusalem?
18 Abantwana bayatheza, ooyise baphembe, abafazi bona baxove intlama yokwenzela ukumkanikazi wesibhakabhaka amaqebengwana. Bongezelele ukundidela ngokunikela ngeminikelo ethululwayo *koothixo basemzini. Ngayo yonke loo nto bayandixhokonxa.
19 Ngaba ndim ngenene lowo bamphoxayo? Abaziphoxi bona ziqu? Bazenzakalisile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.