15 Ndiza kunigxotha phambi kwam njengoko ndawagxothayo amawenu amaEfrayim.”
16 “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.
17 Akuziboni ke wena izinto abazenza kwiidolophu zakwaJuda nakwizitalato zeJerusalem?
18 Abantwana bayatheza, ooyise baphembe, abafazi bona baxove intlama yokwenzela ukumkanikazi wesibhakabhaka amaqebengwana. Bongezelele ukundidela ngokunikela ngeminikelo ethululwayo *koothixo basemzini. Ngayo yonke loo nto bayandixhokonxa.
19 Ngaba ndim ngenene lowo bamphoxayo? Abaziphoxi bona ziqu? Bazenzakalisile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
20 Itsho ke ngoko iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kuwuthululela kule ndawo umsindo wam nengqumbo yam, phezu kwabantu nemfuyo, imithi yasendle nemveliso yomhlaba. Uza kuba ngumlilo ongacimiyo umsindo wam.”
21 Utsho uNdikhoyo onamandla onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Qhubani, nongeze amanye amadini kula atshiswayo, nitye inyama.