24 Ke bona abandiphulaphulanga; abandihoyanga kwaphela. Basuka baba nenkani, benza amaqhinga beqhutywa yinkohlakalo yeentliziyo zabo, babuya umva endaweni yokuqhubela phambili.
25 Kodwa ukususela mhla baphuma eJiputa, kude kube ngoku, ndisoloko ndithuma izicaka zam abashumayeli kuni imihla ngemihla.
26 Kambe aba bantu abandiphula-phulanga, abandihoya nokundihoya; suka baqaqadeka, benza ububi nangaphezu kooyise-mkhulu.
27 “Ungawathetha kwaba bantu onke la mazwi, kodwa abasoze bakuve; ungababiza, kodwa abasoze basabele.
28 Uze uthi ke kubo: ‘Olu luhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaNdikhoyo uThixo walo.’ Abaqeqesheki. Ukuthembeka akukho kubo – akusakhankanywa phakathi kwabo.
29 “Cheba intloko yakho, Jerusalem,ubonakalise ukuzila.Yenza isimbonono eluqayini,kuba uNdikhoyo usicekisile wasilahla esi sizukulwana simbange ingqumbo.”
30 “Abantu bakwaJuda benze into embi.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bamise izithixo zabo ezinezothe endlwini yam, bayixabhela.