5 “Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye,
6 ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo,
7 mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.
8 “Kodwa naku nina nikholose ngamazwi alambathayo.
9 Ningamasela, izigwinta, abakrexezi, abafunga bexoka; ninqula uBhali kunye noothixo basemzini.
10 Kanti noko niza apha kule ndlu ibizwa ngegama lam, nifike nithi: ‘Sisindile!’ Nisinde ukuze nenze la manyundululu?
11 Ngaba le ndlu ibizwa ngegama lam ingumqolomba wezihange na? Ndinijongile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.