7 mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.
8 “Kodwa naku nina nikholose ngamazwi alambathayo.
9 Ningamasela, izigwinta, abakrexezi, abafunga bexoka; ninqula uBhali kunye noothixo basemzini.
10 Kanti noko niza apha kule ndlu ibizwa ngegama lam, nifike nithi: ‘Sisindile!’ Nisinde ukuze nenze la manyundululu?
11 Ngaba le ndlu ibizwa ngegama lam ingumqolomba wezihange na? Ndinijongile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 “Khanenjenjeya, niye eShilo apho lalinqulwa khona igama lam mandulo. Niya kuyibona into endayenza yona loo Shilo ngenxa yobugwenxa babantu bam amaSirayeli.
13 Ngoko ke, ngenxa yezi zenzo zenu zonke, utsho uNdikhoyo, ndithethile nani amaxesha ngamaxesha, anaphulaphula, ndanibiza anasabela,