13 “Ndiya kubaqokelela abantu bam, ndixele umlimi ovunayo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Boba njengomdiliya ongenaziqhamo, nomthi ongenamakhiwane, oseluvuthuluke nkqu namagqabi la. Ewe, ndobanikezela kwabanye.”
14 “Sisahlalele ntoni?” Kubuza abantu. “Masihlangane siye kufela kwizixeko ezinqatyisiweyo kube kanye. Kaloku uNdikhoyo uThixo wethu selesigwebele ukufa ngokusinika amanzi anetyhefu, kuba simonile.
15 Besilindele inzolo, suka kwavela ububi; besijonge ukuphiliswa, nako kuvela unxunguphalo.
16 Amahashe eentshaba avakala ebetha ithatha phaya kwaDan. Iinkunzi zamahashe abo zikhonya kushukume umhlaba. Bayeza beze kuwutshabalalisa lo mhlaba nento yonke ekuwo, nditsho isixeko ngasinye sinabemi baso.”
17 “Ndiza kunithumela iinyoka ezinobuhlungu, amarhamba angenakwenziwa mbuna, anilume.”
18 Umva-ndedwa undongamele;ibuhlungu intliziyo yam.
19 Phulaphula! Ndiva isikhalo samawethusihlokoma kwelikude, sisithi:“Ngaba uNdikhoyo sele wemka na eZiyon?Ngaba usekho na apho uKumkani waseZiyon?”Uthi *uNdikoyo:“Nina, nindiqumbiseleni ngokunqula izithixo,niqubude kwizinto ezingento zasemzini?”