15 Besilindele inzolo, suka kwavela ububi; besijonge ukuphiliswa, nako kuvela unxunguphalo.
16 Amahashe eentshaba avakala ebetha ithatha phaya kwaDan. Iinkunzi zamahashe abo zikhonya kushukume umhlaba. Bayeza beze kuwutshabalalisa lo mhlaba nento yonke ekuwo, nditsho isixeko ngasinye sinabemi baso.”
17 “Ndiza kunithumela iinyoka ezinobuhlungu, amarhamba angenakwenziwa mbuna, anilume.”
18 Umva-ndedwa undongamele;ibuhlungu intliziyo yam.
19 Phulaphula! Ndiva isikhalo samawethusihlokoma kwelikude, sisithi:“Ngaba uNdikhoyo sele wemka na eZiyon?Ngaba usekho na apho uKumkani waseZiyon?”Uthi *uNdikoyo:“Nina, nindiqumbiseleni ngokunqula izithixo,niqubude kwizinto ezingento zasemzini?”
20 Abantu bona bathi:“Sekugqityiwe ukuvunwa,nehlobo sele lidlule,kodwa ke thina asikasindiswa.”
21 Ngenxa yamanxeba amawethu nam ndiziva ndiyingxwelerha.Ndizilile, ndimatshekile.