9 Izilumko zenu zihlazekile, zibhidekile, kuba zibhaqiwe. Kaloku ilizwi lam zilibukule nje, zinabulumko buvela phi?
10 Ngoko ke abafazi babo ndiza kubanikela kwamanye amadoda, ngokunjalo nemihlaba yabo ndiyinikele kwabanye abantu. Kaloku xa bebonke aba bantu, kususela koyena uphantsi kuse kophezulu, basemva kwenzuzo. Abashumayeli nababingeleli bangamamenemene athanda inzuzo ngondlela-mnyama.
11 Amanxeba abantu bam baba bangawanyanga ngokuthi: ‘Ngxe, ngxe; akukho ngozi!’ Ukanti alixolanga.
12 Zizinto ezingenazo neentloni! Naxa zenze amanyundululu azibi nalo nonyungu olu. Ngoko ke baza kuwa nabawileyo, bakhubeke mhla ndibohlwayayo.” Utsho uNdikhoyo.
13 “Ndiya kubaqokelela abantu bam, ndixele umlimi ovunayo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Boba njengomdiliya ongenaziqhamo, nomthi ongenamakhiwane, oseluvuthuluke nkqu namagqabi la. Ewe, ndobanikezela kwabanye.”
14 “Sisahlalele ntoni?” Kubuza abantu. “Masihlangane siye kufela kwizixeko ezinqatyisiweyo kube kanye. Kaloku uNdikhoyo uThixo wethu selesigwebele ukufa ngokusinika amanzi anetyhefu, kuba simonile.
15 Besilindele inzolo, suka kwavela ububi; besijonge ukuphiliswa, nako kuvela unxunguphalo.