2 bebalisa oko sikuxelelweyo ngâbo bathe kwasekuqalekeni bazibona ngawabo amehlo ezo zinto, baza baba ngabaququzeleli bezi ndaba,
3 nam, mhlekazi, ndibone kulungile ukuba ndibhale ndikucwangcisele ngokuthe ngqo, ekubeni sekulithuba elide nje ndiziphanda kakuhle ezi zinto.
4 Ndenjenje ukuze uyazi ngokuphelelyo inyaniso yezinto ozifundisiweyo.
5 Ngemihla kaHerode, ukumkani wakwaJuda, kwakukho umbingeleli othile, ogama linguZakariya, engoweqela lika-Abhiya. Umkakhe uElizabhete naye wayeyintombi yombingeleli.
6 Bobabini babengamalungisa, beyithobela imiyalelo nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka.
7 Babengenabantwana, kuba uElizabhete wayengazali; kananjalo bobabini babesebaluphele.
8 Ke kaloku uZakariya wayesemsebenzini wakhe wobubingeleli phambi koThixo, kulithuba leqela lakhe.