Uluka 23 XHO96

UYesu phambi koPilato

1 Loo mpi yonke yamsa kuPilato uYesu;

2 yammangalela isithi: “Lo simfumene elahlekisa uhlanga, engavumi ukuba sirhafe *kuKhesare, esithi yena unguye *uKrestu uKumkani.”

3 UPilato ke wambuza esithi: “Unguye na uKumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi: “Nawe utsho.”

4 UPilato wathi kubabingeleli abaziintloko nakwisihlwele: “Andifumani tyala kulo mntu.”

5 Kwaba kukhona bazingisayo besithi: “Údungadunga abantu, efundisa kulo lonke elakwaJuda, ukususela kwelaseGalili, kude kube lapha.”

UYesu phambi koHerode

6 Akuva kukhankanywa elaseGalili, uPilato wabuza ukuba uYesu ngowalapho na;

7 waza wathi, akuqonda ukuba ungowommandla ophethwe nguHerode, wamthumela kuHerode, owayeseJerusalem naye ngelo xesha.

8 UHerode akumbona uYesu, wavuya kunene; kwakukade efuna ukumbona, kuba wayeve kuthethwa lukhulu ngaye. Wayenqwenela nokubona umqondiso usenziwa nguYesu.

9 UHerode ke wabuza imibuzo emininzi, kodwa uYesu wathi tu.

10 Baphakama ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bamtyhola ngolunya uYesu.

11 UHerode nempi yakhe bamenza into engento uYesu, behlekisa ngaye, bemthe wambu ngengubo eqaqambileyo, waza uHerode wambuyisela kuPilato.

12 Ngaloo mini baba zizihlobo uPilato noHerode, kuba babefudula bejongene ngezikhondo zamehlo.

UYesu ugwetyelwa ukufa

13 Ke kaloku uPilato wababizela ndawonye ababingeleli abaziintloko nabaphathi bamaJuda, nabantu,

14 wathi kubo: “Nizise lo mntu kum nisithi udungadunga abantu. Ke ndimncinile phambi kwenu, ndaza andafumana tyala kuye kwezo zinto nimmangalela ngazo.

15 NoHerode akafumananga tyala kuye, kuba naku embuyisela kum. Niyabona, akukho nto ayenzileyo ingabangela ukuba afe.

16 Ndothi ke ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”[

17 Ke kaloku ngetheko *lePasika wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye.]

18 Bankqangaza ke bonke besithi: “Mbulale lo, usikhululele uBharabha!”

19 UBharabha lo wayephoswe entolongweni ngenxa yesiphithi-phithi esithile esabakho esixekweni apho, kwanangokubulala.

20 Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.

21 Kodwa bona bankqangaza besithi: “Mbethelele! Mbethelele emnqamlezweni!”

22 UPilato wathi kubo okwesithathu: “Ngoba enze bubi buni na? Andifumani tyala lingabangela ukuba afe. Ndothi ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”

23 Bamxina ke uPilato, bekhwaza ngamandla, becela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni. Kwema ngabo ke.

24 Wasuka uPilato wagweba ngelithi masenziwe isicelo sabo.

25 Wabakhululela lowo babemcela, owayethe ngenxa yesiphithi-phithi nokubulala waphoswa entolongweni. Ke yena uYesu wanikelwa ukuba kwenziwe kuye ngokwesicelo sabo.

UYesu ubethelelwa emnqamlezweni

26 Kwemkiwa ke noYesu, aza amajoni athi xhakamfu Simon uthile waseKirene, owayevela emaphandleni, awubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.

27 Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela.

28 Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu;

29 kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’

30 Ngelo xesha baya kuthi ezintabeni: ‘Siweleni, nisifihle!’ ezindulini bathi: ‘Sigqumeleleni!’

31 Xa utsha kangaka umthi oluhlaza, kobeka phi ke kowomileyo?”

32 Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu.

33 Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.

34 UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.

35 Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.”

36 Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye,

37 esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”

38 Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”

39 Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”

40 Sasikhalimela esinye, sisithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwawiselwe esi sigwebo nje?

41 Esi sigwebo okunene sisifanele thina, kuba sivuzwa ngezenzo zethu; kodwa yena lo akenzanga nto imbi.”

42 Saza sathi kuYesu: “Uzundikhumbule, Yesu, xa uthe weza kulawula.”

43 UYesu wathi kuso: “Ndithi kuwe, inene, kwanamhlanje uya kuba nam emyezweni wakwaThixo.”

Ukufa kukaYesu

44 Ke kaloku kwakumalunga nentsimbi yeshumi elinambini emini, laza lasuka latshona emini ilanga, kwaba mnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.

45 Ikhuselo legumbi eliyingcwele *yendlu kaThixo lakrazuka kubini.

46 Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

47 Ke umphathi-butho wamajoni, akukubona okuhlileyo, wamncoma uThixo, esithi: “Inene, lo mntu ebelilungisa.”

48 Sakuba isihlwele esasihlangene kuloo mbono sikubonile okwenzekileyo, sagoduka sibambelele ezidleleni.

49 Ke bonke abazana noYesu, kwanabafazi ababemlandela bevela kwelaseGalili, babemele kude, bezikhangele ezi zinto.

Ukungcwatywa kukaYesu

50 Ke kwakukho indoda egama linguJosefu, eyayililungu leBhunga, iyindoda elungileyo elilungisa.

51 Yona yayingavumelananga necebo labo kwanesenzo sabo. Le ndoda yaseArimati, idolophu yamaJuda, yayilulindele ulawulo lukaThixo.

52 Yona ke yaya kuPilato, yawucela umzimba kaYesu;

53 yaza yawuthula, yawusongela ngengubo yelinen, yawubeka engcwabeni elixholwe eliweni, ebekungekangcwatywa bani kulo.

54 KwakungoLwesihlanu, *uMhla wokuPhumla sewusondela.

55 Abo bafazi bàbelandela uYesu, bephuma eGalili, bâlandela uJosefu, balibona ingcwaba nomzimba kaYesu ubekwa kulo;

56 baza babuya, balungisa iziqholo nezithambiso.Baphumla ke ngoMhla wokuPhumla ngokomthetho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24