Uluka 5 XHO96

Ukubizwa kwabafundi bokuqala

1 Ke kaloku uYesu xa wayemi ngakuLwandle lwaseGenesarete, izihlwele zimxinile, zisiza kuva ilizwi likaThixo,

2 wabona izikhitshana ezibini ziselunxwemeni. Abalobi babephumile kuzo, behlamba iminatha.

3 Wathi ke, engene kwesinye isikhitshana esasisesikaSimon, wamcela ukuba akhe ashenxe kancinane elunxwemeni. UYesu ke wazifundisa izihlwele ehleli esikhitshaneni.

4 Akugqiba ukuthetha, wathi kuSimon: “Yiyani phakathi enzulwini, nihlise iminatha yenu, nibambise.”

5 Waphendula uSimon wathi kuye: “Mhlekazi, sibulaleke ubusuku bonke, asabamba nento le; kodwa ngokutsho kwakho ndiya kuwuhlisa umnatha.”

6 Bathi bakwenjenjalo, babambisa inkitha yeentlanzi, kangangokuba waphants' ukuqhaqheka umnatha wabo.

7 Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubancedisa. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants' ukutshona.

8 Ekubonile okwenzekileyo, uPetros waguqa phambi koYesu, wathi: “Mka kum, Nkosi, kuba ndiyindoda engumoni.”

9 Yena nabo bonke ababenaye babemangalisiwe lolo banjiso lungako lweentlanzi.

10 Babemangalisiwe noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengabalingane bakaSimon. UYesu ke wathi kuSimon: “Ungoyiki. Ukususela namhlanje uya kuba ngumlobi wabantu.”

11 Bakuba ke bezitsalele elunxwemeni izikhitshana, bashiya into yonke, balandela uYesu.

Ukuphiliswa koneqhenqa

12 Kwathi uYesu ekwidolophu ethile kwafika indoda ithe gqume liqhenqa. Le ndoda ke, yakumbona uYesu, yawa ngobuso phambi kwakhe, yambongoza isithi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula, ukuba uyathanda.”

13 Wasolula uYesu isandla, wayichukumisa, esithi: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Kwangoko laphela kuyo iqhenqa.

14 UYesu ke wayiyala esithi mayingaxeleli bani, waza wathi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina bokuhlanjululwa kwakho.”

15 Kwaba kukhona ke uYesu angundabamlonyeni; kwaza kwabuthelana isihlwele esikhulu, sisiza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kwizifo ngezifo.

16 Ke yena uYesu wayemana ukuya esiguqweni ngasese, athandaze.

Ukuphiliswa kofe umzimba

17 Kwathi ngamini ithile uYesu efundisa, kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho, bephuma kuzo zonke iindolophu zelaseGalili nelakwaJuda, naseJerusalem. Amandla eNkosi ayekho kuye, ephilisa.

18 Nako ke kufika amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi koYesu.

19 Exakiwe kukumngenisa ngenxa yokuxinana kwesihlwele, akhwela phezu kwendlu, aqhaqha uphahla, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.

20 Akulubona uYesu ukholo lwawo, wathi kofe umzimba: “Mfondini, izono zakho zixolelwe.”

21 Baza abachazi-mthetho nabaFarasi bathetha bodwa besithi: “Yini na ukuba lo mntu anyelise ngolu hlobo? Ngubani kakade onako ukuxolela izono ngaphandle koThixo?”

22 UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wabaphendula wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?

23 Okukona kulula kukuphi? Kukho ukuthi: ‘Izono zakho zixololwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’?

24 Ke ukuze nazi ukuba yena *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!’ ”

25 Waphakama kwangoko bemjongile, waluthatha ukhuko abelele kulo, wagoduka ebulela uThixo.

26 Bamangaliswa ke bonke, bamdumisa uThixo, besoyika kakhulu, besithi: “Sibone umhlola namhlanje.”

Ukubizwa kukaLevi

27 Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.”

28 Washiya konke ke, wamlandela.

29 ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu.

30 Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?”

31 Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.

32 Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.”

Ukuzila ukutya

33 Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?”

34 UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo?

35 Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.”

36 Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala.

37 Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba.

38 Iwayini engekabili mayithiwe kwiimvaba ezintsha.

39 Kananjalo akukho mntu uthi, esele iwayini endala, athande nengekatsali, kuba uthi: ‘Endala inencasa!’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24