Uluka 17 XHO96

Ukukhubekisa nokuxolela

1 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Azinakungehli izinto ezibakhubekisayo abantu; kodwa hayi ilishwa laloo mntu kuza ngaye ukukhubekisa!

2 Kunokuba akhubekise nokuba mnye kwaba bancinane, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, aphoswe elwandle.

3 Zilumkeleni.“Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele.

4 Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.”

Ukuzinikela

5 *Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.”

6 Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”

Okulindeleke kwisicaka

7 “Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’?

8 Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’

9 Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho?

10 Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ”

UYesu uhlambulula abalishumi abaneqhenqa

11 Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili.

12 Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama.

13 Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!”

14 Ewabonile, wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”Kwathi ke ekuyeni kwawo ahlanjululwa.

15 Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo;

16 yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya.

17 Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba?

18 Kutheni ke ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela uThixo?”

19 Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”

Ukuthwasa kolawulo olutsha lukaThixo

20 Ke kaloku uYesu akubuzwa *ngabaFarasi ukuba ukulawula kukaThixo kuya kuqala nini na, uphendule wathi: “Ulawulo lukaThixo alubonakali ukuthwasa kwalo.

21 Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile.”

22 Ke wathi kubo abafundi: “Kuya kufika imihla eniya kunqwenela ngayo ukubona nokuba mnye umhla wakhe *uNyana woLuntu ningawuboni.

23 Baya kuthi kuni: ‘Nankuya phaya! Nanku apha!’ Ze ningayi ke, ningabalandeli nokubalandela;

24 kuba kwanjengokuba umbane usithi menye ucanda isibhakabhaka, woba njalo ngomhla wakhe uNyana woLuntu.

25 Kodwa kuqala uNyana woLuntu umelwe kukuva ubunzima obukhulu, alahlwe sesi sizukulwana.

26 Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ngemihla yakhe uNyana woLuntu.

27 Babesidla, besela, bezeka, besendisa, kwada kwangumhla wokungena kukaNowa enqanaweni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.

28 Kwaba kwanjalo nangemihla kaLothe. Babesidla, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha;

29 kodwa ngemini awaphuma ngayo uLothe eSodom, kwawa umlilo nesalfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.

30 Kuya kuba njalo kanye ngemini yokubonakala kwakhe uNyana woLuntu.

31 “Ngaloo mhla makangathi ophezu kwendlu ehle aye kuzithatha iimpahla zakhe ezisendlwini. Kwangokunjalo nosemasimini makangabuyeli kokushiyekileyo.

32 Khumbulani ngomka-Lothe!

33 Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza.

34 Inene ngobo busuku kothi abantu bebabini belele ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe.

35 Abafazi ababini bothi besila ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. [

36 Amadoda amabini othi esentsimini, enye ithathwe, enye ishiywe.]”

37 Ke abafundi baphendula bathi kuYesu: “Phi na, Nkosi?”Yaza ke yathi kubo: “Apho sikhoyo isidumbu kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24