Uluka 12 XHO96

Isilumkiso ngokuzenzisa

1 Ekubeni kwakuhlanganisene amawaka-waka abantu ababebaninzi ngokokude banyathelane, uYesu wathi kubafundi bakhe kuqala: “Lilumkeleni igwele *labaFarasi elikukuzenzisa.

2 Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.

3 Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.”

Ofanelwe kukoyikwa

4 “Ndithi kuni, zihlobo zam, musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi banokuyenza.

5 Nanku emanimoyike: yoyikani uThixo, yena lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, moyikeni yena.

6 “Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo.

7 Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.”

Ukuvuma uKrestu ekuhleni

8 “Ke ndithi kuni, wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, wothi kwanaye *uNyana woLuntu amvume phambi kwezithunywa zikaThixo.

9 Ke ondikhanyelayo ebantwini wokhanyelwa naye kwizithunywa zikaThixo.

10 “Nabani na ke othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu, woxolelwa; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa.

11 “Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na;

12 kuba uMoya oyiNgcwele uya kuthi ngelo xesha anifundise oko manikuthethe.”

Umzekeliso ngesityebi esisisiyatha

13 Omnye esihlweleni wathi kuYesu: “Mfundisi, yitsho kumntakwethu sahlulelane ngelifa.”

14 Ke yena wathi kuye: “Mntundini, ndibekwe ngubani na ukuba ndibe ngumgwebi nomahluli phakathi kwenu?”

15 Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”

16 Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu.

17 Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’

18 Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam;

19 ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’

20 Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’

21 Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.”

Themba uThixo

22 Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na.

23 Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.

24 Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!

25 Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe?

26 Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye?

27 Qondani ngeenyibiba ukukhula kwazo. Azisebenzi, zingaluki nokuluka oku, kanti ngenene naye uSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe wayengavathiswanga nanjenganye kuzo.

28 Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane!

29 Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na!

30 Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele.

31 Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.”

Ubutyebi ezulwini

32 “Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

33 Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu.

34 Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”

Izicaka eziphaphileyo

35 “Hlalani niphaphile, nifinyezile, nezibane zenu zivutha,

36 ninjengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko.

37 Zinoyolo ezo zicaka eyothi yakufika inkosi yazo, izifumane zilindile. Ndithi kuni, inene, loo nkosi iya kubhinqa, izihlalise phantsi ezo zicaka, ize isondele izilungiselele.

38 Nokuba ke ithe yafika ezinzulwini zobusuku, okanye ekuzeni kokusa, yazifumana zilindile, zinoyolo ezo zicaka.

39 Kakade ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela lofika nini na, ebeya kulinda, angayiyekeli indlu yakhe iqhekezwe.

40 Nani ke ngoko hlalani niphaphile, kuba uNyana woLuntu woza ngexesha eningamlindelanga ngalo.”

Ngokuthembeka

41 Ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, ngaba lo mzekeliso uwuthetha kuthi, okanye uwuthetha kubo bonke abantu?”

42 INkosi yathi: “Ngubani na osisicaka esithembekileyo nesiqondayo, eyothi inkosi yaso isimisele phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo?

43 Sinoyolo eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika, isifumane sisenjenjalo.

44 Ndithi kuni, inene, inkosi yothi eso sicaka isimise phezu kwayo yonke impahla yayo.

45 Kodwa ukuba eso sicaka sisuke sacinga sathi: ‘Inkosi yam ilibele;’ size ke sisuke sizibethe ezinye izicaka nezicakakazi, sidle, sisele, sinxile;

46 yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, ize isixabele isinqumle kubini njengoko kusenziwa kwabangathembekanga.

47 “Isicaka esikwaziyo oko kufunwa yinkosi yaso, sisuke singakukhathaleli, singakwenzi, siya kubethwa imivumbo emininzi.

48 Ke isicaka esingaqondiyo sisuke senze okufanelwe yimivumbo, siya kubethwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi; nakulowo unikwe ngokungaphezulu, kuya kubizwa ngokungaphezulu.”

Imbambano engoYesu

49 “Ndizise umlilo ehlabathini; hayi ukunqwenela kwam ukunga ungewusewuvutha!

50 Kukho lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; ke ndisezimbandezelweni ezinkulu lude lufezeke!

51 Niba ndizise uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, hayi, ndizise imbambano!

52 Kuya kuthi, ukususela ngoku, kubekho abahlanu ndlwini-nye bengavani; abathathu bengavani nababini, nababini bengavani nabathathu;

53 ibe yiyantlukwano phakathi koyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana no ninazala.”

Ukucalula ixesha

54 UYesu wathi kwisihlwele: “Xa nithe nabona ilifu livela entshonalanga nikhawuleza nithi: ‘Iza kuna;’ kuze kube njalo.

55 Naxa kukho umoya ovela entlango, nithi: ‘Kuya kuba shushu;’ kuze kube njalo.

56 Mamenemenendini, niyakwazi ukuyiqonda imo yezulu. Kungani na ke ukuba ningayicaluli yona le mihla?”

Lungisana nokumangalelayo

57 “Kungani na ukuba nina ngokwenu ningenzi sigqibo ngoko kulungileyo?

58 Xa usiya enkundleni unommangaleli wakho, yithi kwalapho endleleni uzame ukulungisana naye, hleze akurhuqele enkundleni, aze umgwebi akunikele kumsila, yena akuphose entolongweni.

59 Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24