Uluka 19 XHO96

UYesu noZakeyi

1 UYesu wangena eJeriko, egqitha khona.

2 Ke kaloku kwakukho ndoda ibizwa ngokuba nguZakeyi, eyayiyintloko yabaqokeleli-rhafu, isisityebi.

3 Yayifuna ukubona uYesu, kodwa ngenxa yokusithwa yindimbane ayaba nako, kuba yayimfutshane ngesithomo.

4 Yabaleka ke, yaya ngaphambili, yakhwela emthini womthombe ukuze imbone, kuba wayeza kudlula apho.

5 Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wathi kuyo: “Zakeyi, khawuleza uhle, kuba namhlanje ndimelwe kukuba lundwendwe lwakho.”

6 Wakhawuleza ke wehla uZakeyi, waza wamkela uYesu ngovuyo.

7 Bakuyibona loo nto, bakhalaza bonke, besithi: “Uye kungena endlwini yomntu *ongumoni.”

8 Waphakama uZakeyi, wathi kuyo iNkosi: “Khangela, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu. Kanti nokuba ndidle nto kabani na ngobuqhetseba, ndimbuyisela kane.”

9 Ke uYesu wathi kuye: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu, kuba noZakeyi lo ungunyana ka-Abraham.

10 Kaloku yena *uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.”

Umzekeliso ngezicaka ezazigciniswe imali

11 UYesu wabenzela umzekeliso abo babemva ethetha ezi zinto. Wayeselekufuphi neJerusalem; baye bona besiba ulawulo lukaThixo loba seluzinzile ngelo xesha.

12 Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye.

13 Izibizile ke izicaka zayo ezilishumi, yazinika imali engangekhulu leerandi sisinye, yathi kuzo: ‘Rhwebani, ndide ndibuye.’

14 Ke bona abemi belizwe laloo nkosana babeyithiyile, baza bathuma izigidimi emva kwayo, besithi: ‘Asifuni ukuba lo abe ngukumkani wethu.’

15 “Yakuba ke ibekiwe yangukumkani inkosana le, ibuyile, yaza yathi mazibizelwe kuyo ezo zicaka yayizinike imali leyo, ukuze ive kuzo ngazinye ukuba zingenise ntoni na ngokurhweba.

16 Seza ke esokuqala, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lizele ishumi lamakhulu.’

17 Yathi kuso: ‘Hee ke, sicakandini esilungileyo! Ngenxa yokuba ubuthembekile kokuncinane, ndikunika igunya kwiidolophu ezilishumi.’

18 Seza nesesibini, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lenze isihlanu samakhulu.’

19 Yathi nakweso: ‘Wena ndikunika igunya kwiidolophu ezintlanu.’

20 “Seza nesinye, sathi: ‘Nkosi, nali ikhulu lakho. Bendilithandele ngelaphu,

21 kuba bendikoyika, ngokuba ungumntu ongqabalala; uthatha ongakubekanga, uvune ongakuhlwayelanga.’

22 Yathi kuso: ‘Ndiza kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, sicakandini esikhohlakeleyo. Ubusazi nje ukuba ndingumntu ongqabalala, othatha angakubekanga, avune angakuhlwayelanga;

23 kutheni ke imali le yam ungayigcinisanga ebhankini, ze ke mna ekufikeni kwam ndiyifumane inenzala?’

24 “Yathi kwababemi ngakhona: ‘Mhlutheni ikhulu elo, nilinike lowo uneshumi lamakhulu.’

25 Ke bathi kuyo: ‘Nkosi, uneshumi lamakhulu!’

26 Yathi: ‘Inene, wonke umntu onolutho uya kunikwa; ongenanto ke, uya kuhluthwa kwanaloo nto anayo.

27 Ke zona ezo ntshaba zam zingafunanga ukuba ndibe ngukumkani wazo, ziziseni apha, nizibulale apha phambi kwam.’ ”

UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki

28 Akuba ezithethile ezi zinto, uYesu wabandulela, wenyuka esiya eJerusalem.

29 Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, engasentabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wathuma ababini kubafundi bakhe,

30 esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nathi. Nothi ningena nje kuyo, nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni, niyizise apha.

31 Ukuba ubani uthe kuni: ‘Niyikhululela ntoni loo donki?’ ze nithi: ‘Iyafunwa yiNkosi.’ ”

32 Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafika kunjengoko wayetshilo uYesu.

33 Bakuyikhulula inkonyana, abaniniyo bathi kubo: “Niyikhululela ntoni loo nkonyana?”

34 Bathi ke bona: “Iyafunwa yiNkosi.”

35 Bayisa ke kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo inkonyana yedonki leyo, bamkhwelisa kuyo uYesu.

36 Ehamba njalo, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.

37 Ke kaloku akusondela ethambekeni leNtaba yemiNquma, yathi yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo imemelela, imdumisa ngayo yonke imimangaliso eyayibonayo,

38 isithi: “Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi! Uxolo ezulwini; udumo kweliphezulu!”

39 Abathile *kubaFarasi esihlweleni apho bathi kuYesu: “Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.”

40 Waphendula wathi kubo: “Inene, kungáthi nje kukhe kwathi cwaka aba, kunkqangaze namatye la.”

UYesu ulilela iJerusalem

41 Akusondela uYesu, esibona isixeko, wasililela

42 esithi: “Akwaba nawe, Jerusalem, ubuzazi namhlanje izinto ezikuzisela uxolo! Kodwa ngoku zifihlakele kuwe!

43 Kuya kufika imihla eziya kuthi iintshaba zakho zakhe udonga lokuzikhusela ekukuhlaseleni kwazo, zikungqinge, zikuxine macala onke.

44 Ziya kukudiliza, zibatshabalalise abakuwe, zingashiyi nalinye ilitye phezu kwelitye, ngenxa yokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho nguThixo.”

UYesu uvala urhwebo endlwini kaThixo

45 UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abo babethengisa khona,

46 esithi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”

47 Imihla ngemihla wayefundisa endlwini kaThixo apho. Ke ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, kwaneenkokheli zabantu, babefuna ukumbulala;

48 kodwa ababanga nakufumana nto banokuyenza, kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24