Uluka 9 XHO96

Ukuthunywa kwabafundi abalishumi elinambini

1 Ke kaloku uYesu ubabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika amandla negunya lokoyisa zonke iindimoni, nokuphilisa izifo.

2 Wabathuma ukuba bashumayele bavakalise ulawulo lukaThixo, baphilise nemilwelwe.

3 Wathi kubo: “Ze ningaphathi nto yandlela: nokuba ngumsimelelo, nokuba yingxowa, nokuba sisonka, nokuba yimali. Ningaphathi zambatho ngazibini.

4 Nasemzini enithe nafikela kuwo, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.

5 Apho sukuba benganamkeli, manithi ekuphumeni kwenu kuloo dolophu, niluvuthulule nothuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”

6 Baphuma ke, bazityhutyha iidolophana, beshumayela iindaba ezimnandi, bephilisa kuzo zonke iindawo.

UHerode unexhala

7 UHerode, owayephethe kuloo mmandla, waziva zonke izinto ezenziweyo nguYesu. Wasuka wanexhala, kuba kwakusithiwa: “Kuvuke uYohane kwabafileyo;”

8 kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”

9 UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.

UYesu wandisa ukutya

10 Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida.

11 Sithe isihlwele, sikwazile oko, samlandela; waza uYesu wasamkela, wathetha naso ngolawulo lukaThixo, ephilisa abo baswele impilo.

12 Yakuba ke isimka imini, abafundi abalishumi elinambini bathe kuYesu: “Sindulule isihlwele, abantu bemke, baye ezidolophini ezijikelezileyo nasezilalini, balale, bafumane ukutya, kuba apha sikwindawo engenamizi.”

13 Ke yena wathi kubo: “Bapheni nina ukutya, batye.”Bathi bona: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela. Asinakubatyisa ngaphandle kokuba siye kubathengela ukutya bonke aba bantu.”

14 (Kwakukho amadoda akumawaka amahlanu.)Wathi kubafundi bakhe: “Bahlaliseni babe ngamaqela ngamaqela, iqela ngalinye libe ngamashumi amahlanu.”

15 Benjenjalo ke, babahlalisa phantsi bonke.

16 Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele.

17 Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.

UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu

18 Kwathi uYesu ethandaza bucala enabafundi bakhe, wababuza esithi: “Ngaba izihlwele ezi zithi ndingubani?”

19 Baphendula bona bathi: “Kuthiwa unguYohane umbhaptizi. Abanye bathi unguEliya. Kanti abanye bathi kubuye kwavuka mshumayeli uthile wamandulo.”

20 Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros wathi: “Unguye *uKrestu kaThixo.”

21 UYesu wabayala ngqongqo ukuba le nto bangayithethi mntwini.

UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe

22 Waza wathi uYesu: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”

23 UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele;

24 kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.

25 Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe?

26 Kuba othe waneentloni ngam, nangamazwi am, naye uNyana woLuntu woba neentloni ngaye, xa eza esewongeni lakhe nelikaYise nelezithunywa ezingcwele.

27 Inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade balubone ulawulo olutsha lukaThixo.”

UYesu wenziwa kumila kumbi

28 Kwathi, malunga neveki emva kokuba uYesu ezithethile ezi zinto, wathatha uPetros noYohane noYakobi, wenyuka nabo waya entabeni, esiya kuthandaza.

29 Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela.

30 Kwavela amadoda amabini, uMosis noEliya, bathetha naye.

31 Babebengezela, baza bancokola naye ngokunduluka kwakhe okwakumele ukuba seJerusalem.

32 Ke kaloku uPetros nâbo babenaye basindwa bubuthongo, kodwa bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bukaYesu, bewabona naloo madoda mabini ayemi naye.

33 Ke akwahlukana noYesu la madoda, uPetros wathi kuye: “Ngxatsho ke ukuba sibe lapha, Mhlekazi! Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” (Watsho engayazi into ayithethayo.)

34 Kwathi ke esatsho, kwabakho ilifu elibagubungelayo. Boyika ke abafundi bakungena efini ooMosis.

35 Kwabakho nelizwi liphuma efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.”

36 Lakutsho ke elo lizwi, uYesu bambona seleyedwa. Abafundi bazigcina ezo zinto babezibonile, àbaxelela mntu ngazo ngaloo mihla.

Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana

37 Ke kaloku ngomhla olandelayo, xa babehlile entabeni, uYesu wahlangatyezwa sisihlwele.

38 Kwavela indoda esihlweleni apho, ikhwaza isithi: “Mfundisi, ndiyakubongoza, khawundincede ngonyana wam okuphela kwakhe.

39 Ùsuka ahlaselwe yindimoni, atsho ngesikhalo, aquleke, alephuze amagwebu. Uphatheka kakubi yile ndimoni, kube nzima ukwahlukana nayo.

40 Ndibabongozile abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa boyiswa.”

41 Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingakholwayo, esigwenxa, koda kube nini na ndinani, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.”

42 Eseza ke, indimoni isuke yamhlasela watsho waxhuzula. Wayikhalimela indimoni uYesu, waphila umntwana, wambuyisela kuyise.

43 Batsho bamangaliswa ke bonke kukusebenza kwamandla kaThixo.Ke bonke babemangalisiwe zizinto zonke awayezenza uYesu; waza wathi kubafundi bakhe:

UYesu ufundisa okwesibini ngokufa nokuvuka kwakhe

44 “Waphulaphuleni kakuhle la mazwi: *uNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu.”

45 Kodwa bona babengaliqondi eli lizwi – lalifihlakele kubo. Babesoyika nokumbuza ngalo.

Oyena mkhulu

46 Ke kaloku babephikisana ngokuba nguwuphi na omkhulu phakathi kwabo.

47 UYesu ke, ezazi iingcamango zeentliziyo zabo, uthathe umntwana, wammisa ngakuye,

48 wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”

Ongachasananga nathi ungakuthi

49 Wavakala uYohane esithi: “Mhlekazi, sibone umntu ekhupha iindimoni ngegama lakho, saza samnqanda, kuba akakulandeli kunye nathi.”

50 Ke uYesu wathi kuye: “Sanukumnqanda, kuba ongachasananga nani ungakuni.”

Ukungamkelwa kukaYesu ngamaSamariya

51 Yakusondela imihla yokuba uYesu anyuselwe ezulwini, wazimisela ukuya eJerusalem.

52 Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele;

53 kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem.

54 Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?”

55 Wathi guququ, wabakhalimela;

56 baza baya dolophaneni yimbi.

Ukulandela uYesu

57 Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”

58 Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”

59 Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.”Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”

60 UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.”

61 Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.”

62 UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24