Uluka 13 XHO96

Guqukani hleze nife

1 Kwangelo xesha ke kwabakho abathile abâmxeleláyo uYesu ngamaGalili, awathi esenzela uThixo amadini, abulawa nguPilato.

2 Waphendula uYesu wathi kubo: “Niba loo maGalili ebengabôni ngaphezulu kwawo onke amanye amaGalili, kuba evé ubunzima obunjalo?

3 Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke.

4 Khanitsho ke, bona abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowa bafa, niba babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu baseJerusalem?

5 Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.”

Umzekeliso ngomkhiwane ongathwali siqhamo

6 UYesu ke wabenzela lo mzekeliso: “Ubani wayenomkhiwane utyalwe esidiliyeni sakhe, weza efuna isiqhamo kuwo, waza akafumana nto.

7 Wathi ke kosebenza esidiliyeni: ‘Uyabona, ndiminyaka mithathu ndisiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto. Wugawule! Yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba lo?’

8 Waphendula yena wathi kuye: ‘Nkosi, khawuwuyeke nakulo mnyaka, ndikhe ndimbe ndiwujikeleze, ndigalele umgquba.

9 Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, woseluwuyeka; kodwa ukuba akubanga njalo, wogawulwa.’ ”

Ukuphiliswa komfazi ongumlwelwe ngoMhla woPhumlo

10 Ke kaloku ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa *ndlwini yesikhungo ithile.

11 Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo.

12 Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.”

13 Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.

14 Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.”

15 Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza?

16 Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?”

17 Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.

Umzekeliso ngokhozo lwemostade

18 Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na?

19 Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.”

Umzekeliso ngegwele

20 UYesu waphinda wathi: “Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na ulawulo lukaThixo?

21 Lufana negwele, awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa yonke intlama.”

Isango elimxinwa

22 UYesu wacanda kwiidolophu needolophana, ehamba efundisa, esinga eJerusalem.

23 Umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?”UYesu ke wathi kubo:

24 “Zamani ukungena ngesango elimxinwa. Ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bangabi nako.

25 “Xa selethe waphakama umninindlu, wavala emnyango, nothi nina, nime ngaphandle, ninkqonkqoze emnyango, nisithi: ‘Nkosi, sivulele.’ Wophendula ke umninindlu, athi kuni: ‘Andinazi apho nivela khona.’

26 Ke ngoko nina nothi: ‘Kaloku sikhe satya, sasela, ukho nawe; nawe wafundisa ezitalatweni zethu.’

27 Kodwa yena wothi: ‘Inene, andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nina nonke benzi bobubi.’

28 Khona apho niya kulila ningcungcutheke, xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abashumayeli bamandulo bexhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo, nibe nina nikhutshelwe ngaphandle.

29 Abantu bofika bevela empumalanga nasentshonalanga, bevela ngasentla nangasezantsi, babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

30 Niyabona ke, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala, bekho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.”

UYesu ubuhlungu ngeJerusalem

31 Kwangelo xesha kwafika abaFarasi abathile, bathi kuYesu: “Phuma umke apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.”

32 Wathi kubo: “Yiyani nithi kuloo mpungutye: ‘Uyabona, ndikhupha iindimoni, ndiphilise, namhlanje nangomso, ndithi ngowesithathu umhla ndigqibe.’

33 Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangomsomnye, kuba umshumayeli akangekhe abulawe kwenye indawo ngaphandle kwaseJerusalem.

34 “Jerusalem, Jerusalem, wena ubabulalayo abashumayeli, ubakhande ngamatye abo bathunywa kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza wena awavuma.

35 Niyabona, uThixo uyanifulathela nomzi wenu. Inene, aniyi kuba sandibona de kufike ixesha eniya kuthi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24