Uluka 18 XHO96

Umzekeliso ngomhlolokazi nomgwebi ongenabulungisa

1 UYesu wabenzela umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi,

2 wathi: “Kwidolophu ethile kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu.

3 Ke kuloo dolophu kwakukho mhlolokazi uthile ubemana esiza kuye athi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’

4 Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa esithi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu,

5 noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule, hleze ndide ndikruquke nguye.’ ”

6 Yaqhuba ke iNkosi yathi: “Kuveni okuthethwa ngulo mgwebi ungenabulungisa.

7 Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda?

8 Ngenene, uya kubaphindezelela kamsinya. Kodwa ke, akufika yena *uNyana woLuntu, ngaba wolufumana na ukholo ehlabathini apha?”

Umzekeliso ngomFarasi nomqokeleli-rhafu

9 Ke kaloku uYesu uthethe lo mzekeliso kwabathile, ababekholose ngokuzicingela ukuba bangamalungisa, bebadelile abanye:

10 “Amadoda amabini enyuka aya *endlwini kaThixo, esiya kuthandaza. Enye *yayingumFarasi, enye ingumqokeleli-rhafu.

11 “Ke yena umFarasi wayemi ethandaza esithi: ‘Thixo, ndiyabulela kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengaye nalo mqokeleli-rhafu.

12 Ndizila ukutya kabini ngeveki. Ndinikela ngesishumi sako konke endikuzuzayo.’

13 “Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’

14 Inene, wagoduka umqokeleli-rhafu lowo elilungisa kuThixo kunomFarasi lowo; kuba kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

UYesu usikelela abantwana

15 Abantu babesiza neentsana zabo kuYesu ukuze azibeke izandla. Beyibonile loo nto, abafundi babakhalimela.

16 Ke yena uYesu wazibizela kuye iintsana, esithi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.

17 Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”

Umfana osisityebi

18 Umphathi othile wabuza kuYesu esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

19 UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo.

20 Uyayazi imithetho ethi uze ungakrexezi; uze ungabulali; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; beka uyihlo nonyoko.”

21 Ke yena wathi: “Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.”

22 Ekuvile oko uYesu, wathi kuye: “Kusekho into enye oyisweleyo: zithengise zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum, ube ngumlandeli wam.”

23 Ezivile ezo ndawo, wadana, kuba wayesisinhanha.

24 UYesu, ekubona ukudana kwakhe, wathi: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo.

25 Kungâlula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

26 Abo bevayo ke bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?”

27 Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”

28 Ke uPetros wathi: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”

29 Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngabazali, nokuba ngabantwana, ngenxa yokufuna ukulawulwa nguThixo,

30 ongayi kuthi ngoku ngalo eli xesha amkele ngokuphinda-phindiweyo, aze kwiphakade elizayo amkele ubomi obungunaphakade.”

UYesu uthetha okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe

31 Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka.

32 UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe.

33 Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”

34 Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo.

UYesu uphilisa imfama yaseJeriko

35 Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba.

36 Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le.

37 Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.”

38 Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

39 Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

40 Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi:

41 “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.”

42 Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.”

43 Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24