Uluka 6 XHO96

Imfundiso kaYesu malunga noMhla woPhumlo

1 Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla woPhumlo, abafundi bakhe bakha izikhwebu zengqolowa, bazichuba, batya.

2 Ke abathile *bakubaFarasi bathi kubo: “Kungani na ukuba nenze okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla?”

3 Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe?

4 Kaloku wangena *endlwini kaThixo, wazithatha wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ke ngokomthetho ezo zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.”

5 Waza ke wathi kubo: “UNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”

Ukuphiliswa kowome isandla

6 Ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wangena endlwini yesikhungo wafundisa. Apho kwakukho umntu owome isandla sokunene.

7 Babemlalele abachazi-mthetho *nabaFarasi, befuna ukubona ukuba wophilisa na ngoMhla woPhumlo, khon' ukuze bafumane isizathu sokummangalela.

8 UYesu ke wayezazi iingcamango zabo, waza wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waphakama ke, wema apho.

9 Waza wathi uYesu: “Ndixeleleni: okuvumelekileyo ngoMhla wokuPhumla kukwenza okulungileyo, okanye kukwenza okubi; kukuphilisa umntu, okanye kukubulala, kusini na?”

10 Akuba ebasingasingile bonke, wathi kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wenjenjalo ke, saza saphila isandla sakhe.

11 Basuka ke bona bajwaqeka ngumsindo, bebuzana bodwa ukuba bangamthini na uYesu.

Ukunyulwa kwabafundi abalishumi elinambini

12 Kwathi ngaloo mihla uYesu waphuma, wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wachitha ubusuku bonke ezibika kuThixo.

13 Kwakusa wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinambini, awababiza ngelokuba ngabathunywa.

14 Yayingâba: USimon, awamthiya ngelokuba nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu;

15 uMatewu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa liTsha-ntliziyo;

16 uJudas kaYakobi, noJudas Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.

UYesu uyafundisa aphilise

17 UYesu wehla nabo entabeni, wema endaweni ethe tyaba, eneqela elikhulu labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaJuda, naseJerusalem, nakuwo ummandla ongaselwandle ojikeleze iTire neSidon,

18 beze kumphulaphula nokuba abaphilise kwizifo zabo.

19 Yonke loo nkitha yabantu yayifuna ukumchukumisa, kuba wayenamandla okuphilisa, bephila bonke.

Iintsikelelo neziqalekiso

20 UYesu ebakhangele abafundi bakhe, wathi:“Hayi uyolo lwenu, nina basweleyo,kuba nilawulwa nguThixo!

21 Hayi uyolo lwenu, nina balambayo ngoku,kuba niya kuhlutha!Hayi uyolo lwenu, nina balilayo ngoku,kuba niya kuhleka!

22 “Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe *uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.

23 Ze nivuye ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba ngenene umvuzo wenu mkhulu ezulwini. Kaloku babesenjenjalo ooyise kubo *abashumayeli bamandulo.

24 “Kodwa mawoo, nina zityebi! Senilufumene ulonwabo lwenu nina kaloku.

25 Mawoo, nina bahluthayo ngoku!Nina niya kulamba.Mawoo, nina bahlekayo ngoku!Niya kukhedama nilile nina.

26 “Kunyembelekile xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! Kaloku babesenjenjalo ooyise kubashumayeli abaxokayo.”

Zithandeni iintshaba zenu

27 “Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo.

28 Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

29 Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye. Okohlutha isivatho sakho sangaphezulu, ungamaleli nesangaphantsi.

30 Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.

31 Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo.

32 “Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo!

33 Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

34 Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane.

35 Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo.

36 Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”

Musani ukugweba

37 “Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.

38 Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.”

39 UYesu ke wabenzela umzekeliso, wathi: “Ngaba imfama inokuyikhokela na enye imfama? Aziyi kuthi zombini zeyele emhadini yini na?

40 Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; xa afundiswe ngokupheleleyo, uya kwandula abe njengomfundisi wakhe.

41 “Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

42 Ungáthini na ukuba nako ukuthi kuwenu: ‘Wethu, khawume ndisikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ ukanti wena akuwuboni umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, qala ukhuphe umqadi lowo ukwelakho iliso! Wobona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.”

Umthi neziqhamo zawo

43 “Akukho mthi mhle uvelisa iziqhamo ezibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa iziqhamo ezihle.

44 Kaloku umthi wonke waziwa ngeziqhamo zawo. Amakhiwane akakhiwa emngeni; kananjalo iidiliya azivunwa elubobeni.

45 Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.”

Abakhi ababini

46 “Yini na ukuba nithi kum: ‘Nkosi, Nkosi!’ kanti noko anikwenzi endikuthethayo?

47 Ke wonke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze,

48 ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo.

49 Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24